inkomo

soil, the

nazi inkomo ebuhlanti kuvume nabaphantsi besithi eyi sani kutheni ungekhamthati ndathi yonk'int'irighti yena ungowami kodwa kukhona ingxaki utata'khe akandifuni

ndathi ndisahleli phantsi komthi yadlula yona leyontokazi ndiyaqonda ibiyokha amanzi phaya ezantsi emlangeni ndaphakama mna ndayilandela njengo clever wase rhawutini ndasondela molo sana ndicela ukuhamba nawe elothutyana ndivumele ndithethe nawe ndiyi ntsika yekhaya ikhaya lakwa ngxanga ndiyi nkosi ndikwenze inkosazana yam bamb'isandlasam s'thandwa uzakuba ngumama wabantwana bam ndiyazibuza umhle kangaka ukhetha mna amadoda engaka ndizakubiza utata wam nawe ubize utata wakho bahlale phantsi bobabili baxoxisane

samza ndiyoyika ndoyika umama no tata umama uzakundi krwitsha utata uzakundibetha athi ndiya jola ntsika ndiyoyika umama uzakundibetha utata uzakundi krwitsha krwitsha athi ndiyajola

hayi andikaze mna ndiyibone intombazane entle nje ngaye please ntombazane uzundimamele nditheth'inyan' sthandwa undi charmile ebusuku sthandwa sam mna ndibonisiwe mna nawe baby sesitshatile please ntombazane uzundikholelwe ndithet'inyani sthandwa ndikuthandile

tata'khe akandifuni akandifuni tata'khe akandifuni.